ISEBE LEZEMPILO
IMPILO YAKHO ISEZANDLENI ZAKHO
Luhlobo lomhlaza olunqabileyo emadodeni. Unokwenzeka kuyo nayiphi na iminyaka kodwa uxhaphake kakhulu kumadoda aselula asukela kwiminyaka engama-20 ukuya kwiminyaka engama-40. Kumaxa amaninzi lisende elinye elichaphazelekayo. Unobangela womhlaza wamasende awaziwa. Uchaphazela amadoda ngexesha kanye azikhathaza kakhulu ngokuchuma kwezokulalana kunye nangokuqala iintsapho.
NGAWAPHI AMAQELA ASENGOZINI?
Amadoda anembali yamasende ahleli esiswini endaweni yokuba ahlale kwisingxobo sawo (nokuba kulungisiwe oko okanye akulungiswanga).Ingozi iye inyuke iye kuma kwiifoldi ezili-11. Zonke iintsana ezingamakhwenkwe kufuneka zikhangelwe amasende ahleli esiswini endaweni yokuba ahlale kwisingxobo sawo xa ezalwa.
Amadoda anembali yosapho yomhlaza wamasende.
UKUBONWA KWANGOKO
Umntu ngokwakhe uyakubona ukungaqheleki emasendeni. Eyona ndlela ingcono yokufumana okungaqhelekanga luvavanyo lwamasende umntu azenza lona.
I-TSE yenzeka kakuhle emva kokuhlamba ngamanzi ashushu, ukuhlamba ebhafini yamanzi ashushu okanye ukushawara. Ubushushu buyasiphumlisa isingxobo samasende, oko kusenza ukuba kube lula ukubona nakuphi na ukungaqheleki.
Ukuba ngaba uneminyaka eli-18 nangaphezulu, landela la manyathelo ngazo zonke iinyanga,:
Khangela nakuphi na ukudumba kwisingxobo samasende.
Isipili singaluncedo
Khangela isende ngalinye ngezandla zozibini. Beka umnwe wokukhomba kunye nomnwe ophakathi phantsi kwesende oobhontsi bengaphezulu. Lijikelezise isende nje kakuhle phakathi kweminwe noobhontsi. Ungothuki xa ingathi elinye isende likhangeleka lilikhulu kancinane kunelinye. Oku kuqhelekile. Amaqhuma omhlaza kaninzi afumaneka emacaleni amasende, kodwa anokubakhona phakathi kunye nangaphambi kwamasende.
Fumana into engathi yityhubhu ethambileyo emva kwamasende. Oku kuthiwa yi-epididymis, iqokelela kwaye ithwala ubudoda. Ziqhelanise nale nto. Ungayiphazamisi neqhuma elikrokrelekayo.
Jonga ezi zinto zilandelayo:
Iqhuma elingebuhlungwanga (elilingana ne-ertyis), esendeni. Ayingawo onke amaqhuma anomhlaza.
Isende elikhulu
Imvakalo yobunzima esendeni okanye emphakathweni
Ukutshintsha kwindlela amasende avakala ngayo
Amabele neengono ezinkulu
Ulwelo oluye ngesiquphe lwande kwisingxobo samasende.
IZENZO:
Ukuba ngaba uneentlungu ezimandundu emasendeni -fumana ukhathalelo lwengxakeko
Ukuba ngaba kuvakala nawaphi na amaqhuma, ubukhulu, ukudumba okanye ukutshintsha xa uphatha kwisingxobo samasende-bonana nogqirha
Ukuba ngaba kukho nabuphi na ubunzima okanye ubuhlungu - yiya kugqirha
Ukuba ngaba kukho ukukhula kwamabele neengono kunye/okanye kukho imvakalo yesiquphe yokudumba emasendeni - yiya kugqirha
Ukuba akukho kungaqheleki kufumanekayo - qhuba ne-TSE de ibe yiminyaka yobudala engama-40/45
KHUMBULA:
Umhlaza wamasende unyangeka kakhulu, ingakumbi xa ubonwe kwaye wanyangwa kwangoko
Ukususwa kwesende elinye akunokonakalisa umsebenzi wokuchuma okanye wokwabelana ngesondo
NOVEMBA 2003
